Mongameli welizwe laseNambia uNetumbo Nandi-Ndaitwah
Image: Twitter
UMongameli welizwe laseNamibia uGqirha Netumbo Nandi-Ndaitwah uthi abantu baseMelika abangena kwela lizwe baza kunyanzeleka ukuba bangene ngeencwadi zokundwendwela ukusukela ngomhla wokuqala kule nyanga.
Abantu baseMelika bebekade bengena ngaphandle kweencwadi zokundwendwela eNamibia. Kuthiwa baqikelelwa kumakhulu amahlanu abantu baseMelika abasebenza kwimigodi yelizwe laseNamibia besomba izimbiwa ezahlukeneyo.
"Nawuphi umntu waseMelika ofunyenwe engenazo iincwadi zokuhambela apha eNamibia uza kuthathwa ngokuba ukweli ngokungekho mthethweni,” ucacise watsho uMongameli Netumbo Nandi-Ndaitwah.
Lo Mongameli uthi ilizwe lakhe lithatha isigqibo sokuba abantu baseMelika baphathwe ngendlela efanayo naleyo baphathwa ngayo abantu abasuka kumazwe aseAfrika abahlala eMelika.
“Xa bengakwazi ukuveza iincwadi ezisemthethweni zokuhambela eNamibia siza kunyanzeleka ukuba sibakhuphele ngaphandle kwelizwe laseNamibia,” kutsho uMongameli Netumbo Nandi-Ndaitwah.
Ilizwe laseNamibia linezimbiwa ezininzi eziquka idayimani, igolide, iuranium, ikopa nezinye izimbiwa ezifunwa kakhulu eMelika. Ela lizwe laseNamibia lelinye lamazwe ahamba phambili kwihlabathi ngokuvelisa izimbiwa ingakumbi idayimani.
Likhula mihla yonke inani lamazwe achasene nezigqibo zikaMongameli welizwe laseMelika uDonaldTrump ngenxa yezigqibo zakhe eziquka irhafu ngakumazwe amaninzi ehlabathi.