IOL Amadoda amathathu aqweqwedisa u-Emaan Fatima aseziseleni, ityala labo limisiwe.
Image: Facebook
Avele phambi kwenkundla yamatyala eMonti namhlanje, umhla we4 kweyoKwindla, amadoda amathathu angaphandle, ngezityholo zokuxhwila intwazana eneminyaka elithoba ubudala eMonti kwinyanga ephelileyo.
UEmaan Fatima (9), wathi waxhwilwa ngamadoda amathathu angaziwayo ngomhla we3 kweyoMdumba, ngethuba ephuma esikolweni esingise kwikhaya lakhe eBuffalo Flats, eMonti.
La madoda naphakathi kweminyaka engama20 ukuya kuma67 ubudala, nangawokufika kweli loMzantsi Afrika, avele okwesine namhlanje enkundleni emva kokubanjwa ngomhla we12 kweyoMdumba, ngetyala lokuxhwila.
UFatima wathi wakhululwa ngaba barhanelwa ngentseni yomhla we12 kweyoMdumba, kufutshane nesitishi samapolisa Inyibiba.
Ityala laba barhanelwa limiselwe umhla we25 ne26 kweyoKwindla, ukuze bafake isicelo sabo sebheyile.
Bobathathu abarhanelwa baseseziseleni.
Related Topics: