Ukucinywa kombane kulindeleke ukuba kupheliswe ekupheleni kweveki.
UMphathiswa wezoMbane naMandla, uGqirha Kgosientsho Ramokgopa uqinisekise abemi boMzantsi Afrika ukuba eli liza koyisa ingxaki ekhoyo yokucinywa kombane ekupheleni kweveki.
UMphathiswa ekunye nabaphathi bakwaEskom bebethetha noonondaba ngeCawe benikezela ngohlaziyo malunga nobume bokusebenza kombane eMzantsi Afrika.
“Ndiqinisekile ukuba kuzothi iphela iveki sibe sesiphumile kobu bunzima. Siqinisekile ukuba siza kubuyela kwimeko yesiqhelo. Ekupheleni kweveki akuzukubakho ukucima kombane,” utshilo uRamokgopa.
UMphathiswa uxolise ngocimicimi owenzeke kutshanje kwaye wachaza neenzame zokuhlangabezana nomba wokucima kombane.
“Mandiphinde ndithi egameni likarhulumente, neenkokeli zakwaEskom, sivakalisa ukuzisola kwethu kwaye sidlulise uxolo lwethu kwilizwe liphela. Sijongene nobunzima bokucinywa kombane esingakhange sikubone ixesha elide.
“Siyaluqonda unxunguphalo, umsindo kunye nokuphoxeka kuba ngenene sikwiphulo lokuqinisekisa ukuba ekugqibeleni siyakwazi ukuphelisa ukucinywa kombane,” utshilo uRamokgopa.
Umphathi wakwaEskom uDan Marokane uthe iiyunithi ezintlanu ukuya kwezintandathu zicwangciselwe ukubuya zisebenze izolo, ngeCawe, kwaye baza kuzivavanya emva kwentsimbi yesibhozo ngokuhlwa.
Related Topics: