UNomasebe Dondolo odlala indawo kaMagaba kwiNimba.
Image: Uthunyelwe
Ukusukela ngomhla weshumi elinesine kule nyanga ngentsimbi yethoba ebusuku kuza kungena umdlalo kamabonakude othi 'Inimba' ongolwimi lesiXhosa.
Omnye wabadlali balo mdlalo, uNomasebe Dondolo, uthi ubongoza inkxaso yabantu ukuba baxhase lo mdlalo ngokuwubukela.
"Inimba ngumdlalo ongolwimi lesiXhosa, sikho isiZulu nesiNgesi kodwa wona usekelezelwe kulwimi lesiXhosa, ngoko senza isimemo kubantu abantetho isisiXhosa," kutsho uDondolo.
Lo mdlalo uza kuba udlala ukusukela ngentsimbi yethoba ebusuku kwisitishi seDStv uChannel 161 kuMzansi Magic ukusukela ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu.
"Kubadlali abaphambili abakhoyo kulo mdlalo siphethe oosaziwayo abaquka mna lo uNomasebe Dondolo, Zenande Mfenyana, Siyabonga Shibe, Ayakha Ntunja, Prince Grootboom noNkanyiso Makhanya," kucacisa uDondolo.
Ukubonakala nokuvela kwemidlalo kamabonakude engolwimi lesiXhosa yinkuthazo enkulu, oku kubangela ukuzithemba kubantu abatsha abantetho isisiXhosa. "Inimba luthando lomzalikazi ongasayi kuthiliswa, inimba yimvakalelo ithundeza unozala ukuba alubeke usana lube lufikile emhlabeni," uhambisa atsho uDondolo.
Uthi ukulandelwa kwalo mdlalo kubaluleke kakhulu nanjengoko kunefuthe ekukhuleni kwamanani nokugcina lo mdlalo uqhubeka ufundisa. "Ukuze izinto zethu zikhule zande, kubalulekile ukuba sinyuse amanani okubukela, mna ndidlala indima kaMagaba onguyena mdlali uphambili," uqhayise watsho uDondolo.
Ngaphandle kokuba eli bali lidlala indima ukuxhasa nokuphakamisa ulwimi lesiXhosa, kodwa likwadlala indima ukuqhaphela nokubhentsisa iingxaki zentlalo. "Eli bali lisibhekisa kwiinkalo ngeenkalo, xa kuthethwa ngobudlelwane babantu, xa kuthethwa ngenkumbulo namaphupho abantu abathi babenawo ngeempilo zabo," uvale ngelo uDondolo.
Related Topics: