Abadlali be'Orlando Pirates nabeChippa United emdlalweni weBetway Premiership obuseGqeberha izolo.
Image: OP/Facebook
Umqeqeshi we'Orlando Pirates akawuvali umlomo ngenxa yomsebenzi omhle owenziwe ngabadlali ababini abasuka kwiMultiChoice Diski Challenge. Emva kokuba iPirates ibethe iChippa United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership izolo eNelson Mandela Bay Stadium, uJose Riveiro uyincomile indlela abadlale ngayo abadlali bakhe.
USiyabonga Ndlozi noMbekezeli Mbokazi banikwe ithuba lokudlala emdlalweni okwinqanaba eliphezulu okokuqala ebomini babo. Abamphoxanga umqeqeshi ngoba benze umsebenzi oncomekayo. UMbokazi, odlala emva, udlale wonke umdlalo wayizolo kwade kwaphela ixesha.
Balandela emva kwabanye abadlali abanyuselwayo abafana noRelebohile Mofokeng, uThalente Mbatha noMohau Nkota abenza ezibukwayo kwiPirates. "Ndicinga ukuba badlale kakuhle," utshilo umqeqeshi wePirates emva komdlalo wayizolo eGqeberha. "Njengoko ndanditshilo ngaphambili, xa nibabona aba badlali bengamalalela, ithetha ukuthi lo nto bakulungele. Umsebenzi abawenzileyo mhle futhi sonwabile siliqela," utshilo uRiveiro.
Amanqaku amathathu ayincedile iPirates ngoba icuthe umsantsa kancinci phakathi kwayo neMamelodi Sundowns ebambene neGolden Arrows ngegowuli elinye emdlalweni wayizolo. Kwishumi elinesithandathu lamanqaku eshiywa ngalo iPirates, yona inemidlalo emine eseza kuyidlala.
IPirates iza kudibana neStellenboch FC emdlalweni weBetway Premiership kwiveki ezayo. Ngumdlalo ekunyanzelekileyo ukuba iPirates iwuphumelele ukuze ikwazi ukusondela kwiSundowns. Emdlalweni weNedbank Cup, iPirates idibana neSuperSport United.
Related Topics: