Iphulo lokuxhaswa kwamafama akhulayo eJozini eKZN.
Image: Uthunyelwe
UMphathiswa weSebe lezoLimo kuzwelonke, uJohn Steenhuisen, umisele ngokusesikweni iphulo lokuncedisa amafama asakhulayo ekunye nemkampani yakwaUnilever eJozini kwiphondo laseKZN. Ingxelo ithi eli phulo lijoliswe ukukhulisa amafama asakhulayo ngokuwaxhobisa ngeendlela ezininzi ukuze avelise ukutya nangakumbi kwela phondo.
Amaphulo ezolimo azinzileyo, ukuphuculwa kwempilo kwakunye nokukhuliswa komfama ngamnye yinjongo ephambili yeli phulo.
Inkampani yakwaUnilever yenye yeenkampani ezindala kweli nesebenze isenza ushishino lokuthengisa iimveliso zayo nabantu boMzantsi Afrika. UMphathi wenkampani yakwaUnilever kweli uJustin Apsey uthi bayazingca ngokuba yinxalenye yokukhuliswa kwamafama amancinci aseJozini.
"Kuyasivuyisa kakhulu ukuba yinxalenye yeenzame zokukhuliswa kwamafama amancinci aseJozini, kuba oku kuza kuncedisana nokuveliswa nokukhuliswa kweemveliso zethu njengenkampani yakwaUnilever," kutsho uApsey.
Ngeli phulo kuza kuveliswa amachiza aza kusetyenziswa ukuvelisa izithako zokwenza incasa ekutyeni. "Amafama aza kufumana ulwazi nezakhono zokuphucula umsebenzi wawo ngaphandle kwamathandabuzo, oko kuza kuwanika inkululeko," kutsho uApsey.
UMphathiswa weSebe lezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle kwela phondo laseKZN uThembeni kaMadlopha-Mthethwa ubongoza ukuba iqhubeke inkxaso ngakumafama asakhulayo kwela phondo. Omnye wamafama athe axhamla kule nkqubo, uZintle Manzini, uthi ngenene unethemba lokuba baza kukhula kwaye baza kuxhamla bengamafama asakhulayo eJozini.
"Ngenxa yeli phulo sinethemba lokuba siza kufumana ulwazi ngeendlela zokukhathalela umhlaba, izityalo nokuqaphela iingxaki ezikumhlaba nezityalo zethu kwangaphambi kwexesha," uhambisa atsho uManzini.
Kwabo bathe baxhamla koku, amashumi amathandathu eepesenti lulutsha logama amashumi amathandathu anesixhenxe epesenti ingabasetyhini.
Related Topics: